Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 22:26-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe.

27. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.

28. Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke.

29. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.

30. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.

31. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,

32. Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.

33. Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.

34. Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubéthe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.

35. Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi,

funda isahluko epheleleyo Umateyu 22