Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 22:23-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza, besithi,

24. Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.

25. Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon' ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.

26. Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe.

27. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.

28. Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke.

29. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.

30. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.

31. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,

32. Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.

33. Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.

34. Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubéthe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.

35. Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi,

36. Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na?

37. Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.

38. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.

39. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

40. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 22