Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 22:20-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Bamzisela ke idenariyo.* Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?

21. Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.

22. Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.

23. Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza, besithi,

24. Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.

25. Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon' ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.

26. Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe.

27. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.

28. Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke.

29. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.

30. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.

31. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,

32. Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.

33. Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 22