Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 22:10-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.

11. Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho.

12. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho?

13. Lamkhohla ke. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

14. Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.

15. Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe.

16. Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu.

17. Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,* akuvumelekile, sini na?

18. Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini?

19. Ndiboniseni iqhosha lerhafu.

20. Bamzisela ke idenariyo.* Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?

21. Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.

22. Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.

23. Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza, besithi,

24. Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 22