Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 21:40-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?

41. Bathi kuye, uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.

42. Athi kubo uYesu, Anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo;Kwavela eNkosini oku,Kungummangaliso emehlweni ethu?(INdum. 118:22)

43. Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.

44. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.

45. Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 21