37. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.
38. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe.
39. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.
40. Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?
41. Bathi kuye, uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.