Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 21:35-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye.

36. Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.

37. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.

38. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe.

39. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.

40. Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?

41. Bathi kuye, uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.

42. Athi kubo uYesu, Anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo;Kwavela eNkosini oku,Kungummangaliso emehlweni ethu?(INdum. 118:22)

43. Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.

44. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.

45. Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo.

46. Bathi befuna ukumbamba, boyika abantu, ekubeni ke babebambe ukuthi ungumprofeti.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 21