Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 21:34-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso.

35. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye.

36. Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.

37. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.

38. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe.

39. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.

40. Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?

41. Bathi kuye, uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.

42. Athi kubo uYesu, Anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo;Kwavela eNkosini oku,Kungummangaliso emehlweni ethu?(INdum. 118:22)

43. Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 21