Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 21:3-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Nokuba kukho othe wathetha into kuni, nòthi, Ayafuneka eNkosini; wóthi ke awathumele kwaoko.

4. Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,

5. Yithini kwintombi uZiyon,Yabona, uKumkani wakho uza kuwe,Enobulali, ekhwele e-esileni, ilithole ke,Inkonyana yento ebotshwayo.(UZek. 9:9)

6. Baya ke abafundi, benza ngoko wayebamisele ngako uYesu,

7. balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwawo, bamhlalisa phezu kwazo.

8. Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; baye abanye bexhuzula amasebe emithini, bewandlala endleleni.

9. Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!

10. Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo?

11. Bathi ke abantu, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.

12. Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe;

13. athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.

14. Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.

15. Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide:

16. basuka bacaphuka, bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyáyo ùlungiselele udumiso?

17. Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.

18. Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.

19. Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; athi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wasuka woma kwaoko umkhiwane lowo.

20. Bakukubona oko abafundi, bamangaliswa, besithi, Ùtheni na ukoma msinya kangakanana umkhiwane?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 21