Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 21:17-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.

18. Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.

19. Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; athi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wasuka woma kwaoko umkhiwane lowo.

20. Bakukubona oko abafundi, bamangaliswa, besithi, Ùtheni na ukoma msinya kangakanana umkhiwane?

21. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 21