11. Bathi ke abantu, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.
12. Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe;
13. athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
14. Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.
15. Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide:
16. basuka bacaphuka, bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyáyo ùlungiselele udumiso?
17. Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.
18. Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.