Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 21:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bathi ke abantu, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.

12. Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe;

13. athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.

14. Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.

15. Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide:

16. basuka bacaphuka, bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyáyo ùlungiselele udumiso?

17. Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.

18. Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 21