Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 20:23-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo.

24. Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini.

25. Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nâbò bazizikhulu benza ngegunya kuzo.

26. Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;

27. nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu;

28. kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

29. Bakubon' ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.

30. Nanko kuhleli iimfama zímbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.

31. Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.

32. Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?

33. Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 20