Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 20:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo.

11. Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu,

12. besithi, Aba bokugqibela basebenzé ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini.

13. Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?

14. Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako.

15. Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndílungile mna?

16. Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.

17. Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo,

18. Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 20