Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 20:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe.

2. Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo* ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe.

3. Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi.

4. Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya.

5. Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo.

6. Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi?

7. Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile.

8. Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala.

9. Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo.

10. Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 20