Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 2:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.

10. Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu kakhulu.

11. Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; zathi, zinqike impahla yazo, zanikela kuye iminikelo, igolide, nentlaka emhlophe, nemore.*

12. Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo.

13. Zithe zakubon' ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.

14. Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa.

15. Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.(UHos. 11:1)

16. Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.

17. Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi,

18. Kwavakala izwi eRama,Isimema nesililo nesijwili esikhulu,URakeli elilela abantwana bakhe,Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.(UYer. 31:15)

funda isahluko epheleleyo Umateyu 2