Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 2:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo.

13. Zithe zakubon' ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.

14. Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa.

15. Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.(UHos. 11:1)

16. Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.

17. Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi,

18. Kwavakala izwi eRama,Isimema nesililo nesijwili esikhulu,URakeli elilela abantwana bakhe,Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.(UYer. 31:15)

19. Akubon' ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa, sisithi,

20. Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.

21. Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli.

22. Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili.

23. Ufiké wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowaseNazarete.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 2