Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 19:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.

10. Bathi kuye abafundi bakhe, Ukuba unjalo umcimbi womntu nomfazi, akulungile ukuzeka.

11. Wathi ke yena kubo, Asibantu bonke abaliqondayo elo lizwi; ngabo banikiweyo bodwa.

12. Kuba kukho amathenwa azelwe enjalo kwasesizalweni sonina; kukho namathenwa athenwa ngabantu; kukho namathenwa azithenileyo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unokukuqonda oku makakuqonde.

13. Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla phezu kwabo, athandaze; basuka abafundi babakhalimela.

14. Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.

15. Wazibeka izandla phezu kwabo, wemka apho.

16. Kwabonakala kusiza othile, wathi kuye, Mfundisi ulungileyo, yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi obungunaphakade?

17. Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 19