Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 19:19-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. beka uyihlo nonyoko; nawo lo: uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako.

20. Ithi kuye indodana leyo, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam; ndisaswele ntoni na?

21. Wathi uYesu kuyo, Ukuba unga ungafezeka, hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho, uphe amahlwempu; wòba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele.

22. Ilivile ke indodana ilizwi elo, yemka ibuhlungu; kuba ibinemfuyo eninzi.

23. Wathi ke uYesu kubafundi bakhe, Inene, ndithi kuni, Koba ngenkankulu ukuba isityebi singene ebukumkanini bamazulu.

24. Kananjalo ke ndithi kuni, Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

25. Bakuva ke abafundi bakhe, bakhwankqiswa kakhulu, besithi, Ngubani na ke ongásindiswayo?

26. Ondele ke uYesu, wathi kubo, Kubantu le nto ayinakwenzeka; ke kuye uThixo zonke izinto zinako ukwenzeka.

27. Waphendula uPetros wathi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela; siya kuba nantoni na ke?

28. Wathi ke uYesu kubo, Inene, ndithi kuni, Nina nindilandeleyo, ekuzalweni okutsha, xa athe wahlala uNyana woMntu phezu kwetrone yozuko lwakhe, niya kuhlala nani phezu kweetrone ezilishumi elinambini, nigweba ezizweni ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

29. Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.

30. Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 19