Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 18:7-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!

8. Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade.

9. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.

10. Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.

11. Kuba uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo.

12. Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo?

13. Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga.

14. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.

15. Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba úthe wakúva, wòba umzuzile umzalwana wakho.

16. Ke ukuba úthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu.

17. Ukuba ke úthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke úthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.

18. Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini.

19. Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini.

20. Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.

21. Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na?

22. Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe.

23. Ngenxa yoko ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owafuna ukubalelana nabakhonzi bakhe.

24. Kuthe ke akuqala ukubalelana nabo, kwaziswa kuye omnye onetyala leetalente* ezingamawaka alishumi.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 18