Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 18:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.

7. Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!

8. Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade.

9. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.

10. Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.

11. Kuba uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo.

12. Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo?

13. Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga.

14. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.

15. Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba úthe wakúva, wòba umzuzile umzalwana wakho.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 18