Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 17:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nâlo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.

6. Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu.

7. Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki.

8. Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, àbabona mntu, yanguYesu yedwa.

9. Bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.

10. Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 17