Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 17:21-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

22. Ke kaloku, bakubon' ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;

23. baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu.

24. Ke, bakubon' ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile,* bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?

25. Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Ùthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?

26. Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Wathi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona oonyana.

27. Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wòthi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 17