Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 17:12-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.

13. Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.

14. Bakubon' ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe,

15. esithi, Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi.

16. Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, àbaba nako ukumphilisa.

17. Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha.

18. Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.

19. Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina?

20. Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningáthi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.

21. Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

22. Ke kaloku, bakubon' ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;

23. baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu.

24. Ke, bakubon' ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile,* bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?

25. Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Ùthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?

26. Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Wathi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona oonyana.

27. Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wòthi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 17