Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 17:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros, noYakobi, noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ephakamileyo bebodwa.

2. Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya.

3. Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye.

4. Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.

5. Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nâlo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.

6. Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu.

7. Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki.

8. Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, àbabona mntu, yanguYesu yedwa.

9. Bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.

10. Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?

11. Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto.

12. Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.

13. Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 17