Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 16:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi.

7. Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Útsho ngokuba singaphathanga zonka.

8. Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka?

9. Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo?

10. Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amané, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo?

11. Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingàtsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi?

12. Bandula ukuqonda, ukuba ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.

13. Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?

14. Bathi ke bona, Inxenye ithi, ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi, ùnguEliya; bambi bathi, ùnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 16