Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 16:3-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula?

4. Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka.

5. Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka.

6. Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi.

7. Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Útsho ngokuba singaphathanga zonka.

8. Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka?

9. Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo?

10. Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amané, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo?

11. Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingàtsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi?

12. Bandula ukuqonda, ukuba ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.

13. Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?

14. Bathi ke bona, Inxenye ithi, ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi, ùnguEliya; bambi bathi, ùnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.

15. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?

16. Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu,* unyana kaThixo ophilileyo.

17. Waphendula uYesu wathi kuye, Ùnoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini.

18. Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa.

19. Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.

20. Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 16