Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 16:12-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Bandula ukuqonda, ukuba ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.

13. Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?

14. Bathi ke bona, Inxenye ithi, ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi, ùnguEliya; bambi bathi, ùnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.

15. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?

16. Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu,* unyana kaThixo ophilileyo.

17. Waphendula uYesu wathi kuye, Ùnoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini.

18. Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa.

19. Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.

20. Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu.

21. Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke.

22. Wathi uPetros emthabathele kuye, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube camagu kuwe, Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe.

23. Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana,* usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.

24. Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.

25. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana.

26. Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?

27. Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 16