Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 16:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amané, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo?

11. Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingàtsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi?

12. Bandula ukuqonda, ukuba ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.

13. Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?

14. Bathi ke bona, Inxenye ithi, ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi, ùnguEliya; bambi bathi, ùnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.

15. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?

16. Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu,* unyana kaThixo ophilileyo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 16