Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 15:33-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana?

34. Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa.

35. Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni.

36. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.

37. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele.

38. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amané amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana.

39. Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 15