Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 15:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?

4. Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa.

5. Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, úkholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina.

6. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.

7. Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,

8. Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo,Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo;Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;

9. Bafumana ke bendihlonela,Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.(UIsaya 29:13)

10. Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde.

11. Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu.

12. Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?

13. Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 15