Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 15:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese?

18. Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu.

19. Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.

20. Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.

21. Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon.

22. Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndénzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi.

23. Akamphendula ke nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala.

24. Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa.

25. Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 15