Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 15:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bafike oko kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi,

2. Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.

3. Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?

4. Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa.

5. Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, úkholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina.

6. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.

7. Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,

8. Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo,Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo;Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;

funda isahluko epheleleyo Umateyu 15