Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 14:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.

5. Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti.

6. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode.

7. Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo.

8. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.

9. Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe.

10. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho.

11. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina.

12. Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.

13. Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini.

14. Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 14