Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 14:27-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika.

28. UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.

29. Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu.

30. Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise.

31. Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na?

32. Bakungena emkhombeni, wadamba umoya.

33. Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.

34. Bakuwela, bafika emhlabeni waseGenesarete.

35. Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla.

36. Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisáyo baphiliswa kanye.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 14