Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 14:23-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.

24. Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili.

25. Kuthe ke ngowesiné umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle.

26. Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika.

27. Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika.

28. UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.

29. Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu.

30. Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise.

31. Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 14