Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 13:45-58 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

45. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile* ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye,

46. exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.

47. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke;

48. abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi.

49. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa,

50. zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

51. Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi.

52. Wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.

53. Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho.

54. Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla?

55. Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na?

56. Noodade bakhe àbakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto?

57. Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo.

58. Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 13