Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 13:33-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni* zozithathu zomgubo, wada wabaliswa uphela.

34. Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo;

35. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam,Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.(INdum. 78:2)

36. Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.

37. Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu;

38. intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo;

39. utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.

40. Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade.

41. UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho;

funda isahluko epheleleyo Umateyu 13