Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 13:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle.

2. Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; zathi zonke izihlwele zema elunxwemeni.

3. Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela.

4. Ekuhlwayeleni kwakhe inxalenye yeenkozo yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba.

5. Ezinye ke zawa ezindaweni ezilulwalwa, apho bezingenamhlaba mninzi; zaphuma ke kwaoko, ngenxa yokuba bezingenabunzulu bamhlaba;

6. zathi ke lakuphuma ilanga zatsha, zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela.

7. Ezinye ke zawa emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yaziminxa.

8. Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu.

9. Lowo uneendlebe zokuva makeve.

10. Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?

11. Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.

12. Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 13