Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 12:40-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu, kwangokunjalo, uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba.

41. Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ke omkhulu kunoYona nanku apha.

42. Ukumkanikazi welasezantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.

43. Xa uthe ke waphuma umoya ongcolileyo emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani.

44. Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane izé, itshayelwe, ivathisiwe.

45. Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe; kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.

46. Akubon' ukuba usathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye.

47. Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe.

48. Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Kanjalo ngoobani na abazalwana bam

49. Esolule isandla sakhe phezu kwabafundi bakhe, uthe, Nanku uma nabazalwana bam;

50. kuba osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 12