Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 12:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; baye ke abafundi bakhe belambile, baqala ukukha izikhwebu, badla.

2. Ke kaloku abaFarisi, bakukubona oko, bathi kuye, Yabona, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha.

3. Wathi ke kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye;

4. okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa?

5. Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko?

6. Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha.

7. Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala.

8. Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha.

9. Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu.

10. Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele.

11. Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?

12. Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha.

13. Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 12