Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 10:35-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala.

36. Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe.

37. Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna.

38. Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna.

39. Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.

40. Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.

41. Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa.

42. Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 10