Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 10:25-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule,* akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe?

26. Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.

27. Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu.

28. Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.

29. Àbathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo.

30. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.

31. Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.

32. Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini.

33. Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.

34. Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele.

35. Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala.

36. Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe.

37. Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna.

38. Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna.

39. Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.

40. Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.

41. Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 10