24. Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe.
25. Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule,* akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe?
26. Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.
27. Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu.
28. Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.
29. Àbathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo.