Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:46-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

46. apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

47. Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo,

48. apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

49. Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa.

50. Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.

funda isahluko epheleleyo Umarko 9