Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:41-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu,* inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.

42. Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.

43. Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,

44. apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

45. Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,

46. apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

47. Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo,

48. apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 9