Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:32-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza.

33. Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni?

34. Bahlala ke bathi tu; kuba endleleni babephikisene ngokuthi, Ngubani na omkhulu kunabanye?

35. Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke.

36. Úthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo,

37. Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.

38. Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.

39. Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam.

40. Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu.

41. Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu,* inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.

42. Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.

43. Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,

44. apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 9