Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:27-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema.

28. Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?

29. Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

30. Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani;

31. kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, UNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uya kuthi ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu.

32. Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza.

33. Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni?

funda isahluko epheleleyo Umarko 9