Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:25-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye.

26. Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile.

27. Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema.

28. Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?

29. Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

30. Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani;

funda isahluko epheleleyo Umarko 9