Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo.

3. Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako.

4. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.

5. Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi,* kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.

6. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu.

7. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.

8. Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo.

9. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu.

10. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.

11. Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci?

12. Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto.

13. Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.

funda isahluko epheleleyo Umarko 9