Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:19-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum.

20. Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu.

21. Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana;

22. úmphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba ùnako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi.

23. Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.

24. Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; síza, ususe ukungakholwa kwam.

25. Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye.

26. Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile.

27. Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema.

28. Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?

29. Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

funda isahluko epheleleyo Umarko 9